Iasteroid ebukhulu bulingana neNtaba yeTafi le yawela kwindawo ekunamhlanje nje ebizwa ngokuba nguMzantsi Afrika kwiminyaka eziibhiliyoni ezimbini eyadlulayo, yaza ngoko ke yaphawula le ndawo. Ukusuka ngoko imbali yeli lizwe yomelela kwaye yanobungangamsha obungaphaya. Le incwadi ikusa ngqo kuloo mzuzu, kanye ekuqalekeni kwezo ngqaqa zegolide, ukuza kuthi ga ekuqalekeni kwedemokrasi, into apha eyamangalisa ihlabathi jikelele.
Xa uphendla le ncwadi uza kuhlangana nezinye zeedayinaso zakudaladala ezarekhodishwayo, uza kuhlangana nabantu bokuqala ngqa kwiplanethi iphela, kwakunye neenkcubeko zokuqala ngqa apha ehlabathini. Uza kubona abangeneleli bengena kweli lizwekazi kwakunye nefuthe labo ekuguqukeni kwembali yeli: abazingeli nabaqokeleli, abalimi nabafuyi, abasebenzi...
No biography available for this author.